Ingxelo
yamaBhulu

Ithini iNgxelo yamaBhulu

AmaBhulu aluluntu lwenkcubeko yemveli eAfrika. Eli lizwekazi likhaya lethu ukususela kwiinkulungwane eziliqela. Yiyo loonto sifuna ukusebenzela ikamva elikhululekileyo, elikhuselekileyo nelinempumelelo kwinzala yethu kulencam esemazantsi eAfrika. Sifuna ukubonisana nokusebenzisana nabanye abantu baseMzantsi Afrika ngomoya wokwamkelana nentlonipho ngelokufuna izisombululo kwiingxaki ezininzi ezilibeka emngciphekweni ikamva lethu sonke. Sikwafuna ukwenza igalelo kuphuhliso lwentlalo noqoqosho lwase-Afrika.

Ilizwe lethu linembali ebenamagingxigingxi. Kubekho ungquzulwano olukhulu phakathi koluntu, kwaye amaBhulu akuthathela ingqalelo oko kwehlela abantu abamnyama ngexesha elidlulileyo. Le ngxubakaxaka ikwelilizwe ngoku inyanzelisa ukuba sibe nombono ngekamva lethu ongaphaya kweenkumbulo zexesha langaphambili. Noxa kufuneka maxawambi sijonge ngasemva, siyakuthi ukuze siqhubele phambili, siqalise uhambo olusingise phambili sijonge kwixesha elizayo. Masingavumeli ukungaboni ngasonye malunga nexesha elidlulileyo okungangokuba kulitshabalalise ikamva lethu. Kungenxa yoku kufuneka sakhe phezu kwalemizekelo yobudlelwane nentsebenziswano yayikho mandulo phakathi kwamaqela ahlukeneyo.

Umbuzo obuzwayo ngowokuba ingaba yintoni efunekayo ukuze amaBhulu akwazi ukuphila ngokukhululekileyo, ngokukhuselekileyo nangempumelelo, ehlalisene nabanye abantu eMzantsi Afrika, esithi ngoko abenegalelo elizinzileyo kwintlalontle yabanye abantu.

Kafutshane sifuna isimo esiqhelekileyo, oko kukuthi uluntu nentlalo eqhelekileyo esinokuthi ngayo sincede ekuqinisekiseni ikamva eliqaqambileyo kumntu wonke. Singathanda ukucacisa ngokufutshane iimbono zethu ezisisiseko ngako oko kufunekayo ekusekweni koluluntu nentlalo eqhelekileyo.

Ingxelo yamaBhulu

01.

AmaBhulu ngabantu benkcubeko bomthonyama baseAfrika

Asizange size eAfrika singamaBhulu. Kwiinkulungwane ezadlulayo, ookhokho bethu beza apha besuka kumazwe ahlukeneyo aseYurophu, baza baba ngamaBhulu apha kwakudala, phambi kokuzalwa koMzantsi Afrika njengelizwe. Ulwimi nenkcubeko yethu zezomthonyama eAfrika. Sizithiye thina, ulwimi lwethu kunye namaziko ethu amaninzi ngeAfrika. AmaBhulu aluluntu oluzichaza ngokwalo ngokwenkcubeko yalo – bangabantu – abalo qela nje elinolwimi oluthile okanye lohlanga oluthile. Siyagxininisa kwelokuba ulwimi lwesiBhulu lusimanya noninzi lwabemi bebala (“bruin”) boMzantsi Afrika, kwakunye namanye amaqela oluntu angembalwa aseMzantsi Afrika. Siyabahlonela aba bantu bathetha isiBhulu nabo kwaye siya kusebenzisana nabo kuyo yonke imiba efanelekileyo, nto leyo ebesisoloko siyenza. Singabavela kwisithethe sobuKristu baseNtshona kwaye ngokwekamva sibambele kwizithembiso zikaThixo, ngakumbi ngamaxesha entlekele. Umbono weriphabliki kudala awuxhasa amaBhulu, nto leyo ithetha ukuthi sifuna ukuzenzela kwaye siziphumeze ngokwethu izigqibo malunga nabantu bakuthi.

02.

Sifuna ukuhlala apha, senze igalelo kwintlalontle yelilizwe neyabo bonke abantu balo

Siqinisekile ukuba sinalo ikamva apha. Ngenxa yoku sifuna ukuncedisa ekudaleni iimeko ezivumela amaBhulu aphile kwaye achume ngokuzinzileyo. Oku kuya kusenza sikwazi ukuba negalelo elihlala lihleli kwintlalontle yabanye abantu. Kananjanlo sizama ukugcina ubudlelwane namaBhulu akumanye amazwe ngelokubakhuthaza ukuba bahlale bezibandakanya kuluntu lwaseMzantsi Afrika. Silusizi ngokuba amanye amaBhulu kufuneke emke noxa ebengafuni, esenziwa kukungaziboneli kamva apha.

03.

Intsebenziswano izisa inkululeko, ukhuseleko kunye nempumelelo kuye wonke ubani

Sikholelwa ekubeni izinto ezidibanisa uluntu lweli lizwe zingaphaya kwezo zilwahlulayo. Nangona singasoloko sifana ngezimvo, sineemfuno ezingundoqo ezifanayo, ezinjengelizwe elisebenzayo kunye noluntu olusempilweni, apho wonke ubani anethuba lokuzakhela ikamva elingcono. Ngapha sizibophelela ekwakheni uluntu olumanyeneyo phakathi kwamaBhulu, ngapha sizimisele ukwandisa unxibelelwano nabantu bonke baseMzantsi Afrika ngelokunceda ekufezekiseni ubomi obunempumelelo kumntu wonke.

AmaBhulu aluluntu oluzilungelelanisa kakuhle izinto, kwaye angathanda ukunikwa ithuba lokufaka isandla ekuqubisaneni neentlekele ajongene nazo uMzantsi Afrika. Sikholelwa ekubeni yintsebenziswano phakathi kwabantu, hayi iingxabano zezopolitiko, esona sisombululo sikhokelela kubudlelwane obuhle phakathi kweentlanga.

04.

Sisakha nje sakhela ukuzinza apha

Naluphi na uluntu lunamaziko oluphila kuwo nangawo, adingekayo ukuze luqhubeke ukuphila, nekuthi ngawo inkcubeko yalo idluliselwe kwizizukulwana ezilandelayo. Yiyo loo nto sisakha iziseko zenkcubeko, iindawo zokuhlala, amakhaya, kunye namaziko aza kusenza sikwazi ukuhlala eMzantsi Afrika. Injongo yale “ndlu yenkcubeko” asikokuzikhetha, eneneni kukwenzela ukuba sikwazi ukuchuma ze sihlalisane nabanye basemazantsi eAfrika.

05.

Inkululeko ngokwenkcubeko iyimfuneko ekufezekiseni inkululeko yedemokhrasi

Ukuba asinankululeko ngokwenkcubeko, siyakonganyelwa luninzi lwabantu kuwo onke amacandelo obomi bethu. Oku kubandakanya neyona mibandela isisiseko echaphazela ukungaphelelwa koluntu lwethu. Ukonganyelwa sisininzi kwabo bambalwa kuyahlabana kanobom nomgaqo wedemokhrasi. Inkululeko yedemokhrasi ingafezeka kuphela xa inkululeko ngokwenkcubeko yenziwe umqathango obalulekileyo oqinisekisa ukuphila kwethu.

Kwangokunjalo, inkululeko ngokwenkcubeko ingumqathango osiseko ukuze ulwimi lwethu lweenkobe isiBhulu luqhubeke ukubakho njengolwimi olusebenza ngokupheleleyo.

Ulwamkelo lwenkululeko ngokwenkcubeko, amalungelo ayanyaniswe nenckubeko, kunye neendawo zenkcubeko, konke oku kuyimfuneko ukuze wonke ubani abe namalungelo akhe ngokulinganayo. Ngaphandle kolwamkelo olunjalo, amalungelo womntu ngamyw kwisininzi ayawabhangisa amalungelo abantu ngabanye abambalwa ngokwenkcubeko okanye abambalwa esizweni.

Amaziko ethu enkcubeko, anjengezikolo, iidyunivesithi, imibutho yabasebenzi njalo njalo, asenzela iindawo ezilikhaya kuthi. Ngokwawethu amava ezindawo zithe gqolo ukuba phantsi kohlaselo lwezopolitiko kwaye zibekwa emngciphekweni yimithetho nemingaqo-nkqubo. Ngenxa yoku sinqwenela ukuqinisekisa ukuba sithi ngokuzimela ngokwenkcubeko nangokuba negalelo kurhulumente, sixhamle inkululeko yedemokhrasi ngokwenkcubeko ethe zinzi. Ukuba singakwazi ukuthatha inxaxheba ngokupheleleyo kubomi bethu benkcubeko ngamaziko ethu, kungatsho kube lula kuthi ukufaka isandla nakwabanye abantu, ngalo ndlela sikhuthaze intsebenziswano.

06.

Sikholelwa ekubeni baxabiseke ngokulinganayo bonke abantu

Sikholelwa ekubeni ukubaxabisa ngokulinganayo bonke abantu busisiseko ukuze sonke sithathe inxaxheba ezintweni. Sizibona singabalingana nabanye, singengobantu abaphezulu okanye abangaphantsi kwabanye abantu. Sifanelwe ngalamalungelo, ezindawo, nobubuchule buxhanyulwa ngabanye abantu, okuquka iindawo zenkcubeko. Esi ayisosicelo singaqhelekanga. Umthetho wamazwe ngamazwe kunye noMgaqo-siseko woMzantsi Afrika uyakubonelela oku.

Siyawaxhasa amacebo okukhuthaza amathuba alinganayo kubo bonke abantu, kodwa siyakukhaba ukusekwa kwemithetho yobuhlanga eyenza amaBhulu abe ngabemi abangathathi ntweni, nto leyo ekhokelela ekungalinganini ngobumi. Oku kuthintela izakhono zokushishina zamaBhulu kwaye iwohluta ithuba lokwenza igalelo ekuphakamiseni nasekuphuhliseni ilizwe nabantu balo bonke. Kumaxa amaninzi, ukusetyenziswa kwala manyathelo obuhlanga kukhokelele ekudodobaleni kwecandelo loburhulumente nelamaqumhru karhulumente kwada kwakhuthaza norhwaphilizo. Ukupheliswa kwala manyathelo kuya kunceda ukususa iziqobo ezithintela ukukhula koqoqosho kwaye kuya kuba negalelo ekuncedeni uluntu ngokubanzi. Imithetho yobuhlanga ebeka esichengeni ipesenti encinci yabantu abatsha abangamaBhulu ayenzi mahluko kuninzi lwabantu abatsha abamnyama. Ulawulo lobuhlanga luyahlabana nedemokhrasi yomgaqo-siseko, urhulumente osebenzayo kunye noqoqosho olukhulayo.

07.

Ixesha elidlulileyo alimelanga kutshabalalisa ikamva lethu sonke

Kuthiwa uluntu ngalunye luzithatha njengelona-lona kwaye imbali yalo luyibhala njengeyona iphambili ehlabathini. Kukwanjalo namgeembono ezahlukahlukeneyo zabantu boMzantsi Afrika ngembali, nto leyo inokusahlula kakhulu. Siyawaqonda amagingxigingxi exesha lamandulo kunye nelifa ashiye nalo lembali yongquzulwano, zinto ezo ezisaqhubayo apha naphaya. Sikwalusizi ngomba wokulityalwa, ubukhulu becala, kwemizekelo ekhuthazayo yamandulo yentsebenziswano phakathi koluntu eMzantsi Afrika. Ukanti, iyantlukwano yexesha elidluleyo mayingaphenjelelwa ngendlela enokutshabalalisa ikamva lethu sonke. Ngoko ke, kufuneka sakhele phezu kwemizekelo yembali yentsebenziswano phakathi kwabantu, endaweni yokujamelana nembali yongquzulwano yexesha elidlulileyo.

Asinako ukuliguqula ixesha elidlulileyo, kodwa sinako ukusebenzisana ukulungisa iingxaki esijongene nazo namhlanje. Abantwana bethu abanakubekwa tyala ngezinto ezenzeka phambi kokuba bazalwe, lo gama iinkokeli zikarhulumente zingaphenduliswa ngezinto ezizenza namhlanje.

08.

UMgaqo-siseko uyawuvuma umnqweno womhlaba

Njengakulo naluphi na uluntu, asivumelani ngokupheleleyo malunga noko kufunekayo ukuze siphumelele. Nangona kunjalo, njengabanamava kwidemokhrasi asiboni mfuneko yakuchasa oko singavumelani nako.

Maninzi amaBhulu axhasa umbono wedemokhrasi wokuzimela ngokwenkcubeko kwamaBhulu eMzantsi Afrika. Likho neqela elingencinanaga elinoluluvo – oluhambelana nesithethe seriphabliki – lokuba inkululeko ngokwenkcubeko ngaphandle kwendawo ayinto. Nangona abalawulayo kunye noMgaqo-siseko bewamkela lo mnqweno, enyanisweni ukuphunyezwa kwawo kwenziwa nzima kakhulu. Yiyo loo nto kufuneka isisombululo sezopolitiko ukulungisa oku. Ukusekwa kweendawo eziyimimandla yenkcubeko eyelele kwimimandla yenkcubeko yolunye uluntu elizweni, kungaba yinxalenye yesisombululo.

UMgaqo-siseko uyakuvumela oku kulungiselelo olwenzayo lweendlela ezahlukeneyo zokuzilawula kwabantu ngokwabo. Abantu abambalwa esizweni abamelanga kulityeshela ithuba elinikwa ngumgaqo-siseko lokuzimela nangakumbi, kuba oko kungababeka kwimeko yokuxhomekeka kwisininzi umlibe.

09.

Umanyano noxa singafani

Uxolelwaniso nolwakhiwo lwesizwe alunakuphelela ekubeni kudityaniswe bonke kwingcamango yabalawulayo okanye kwisinzi. Imbali iyabonisa ukuba oko kudala iyantlukwano. Sikholelwa ukuba ukwamkeleka kokungafani neendawo zabucala yeyona ndlela ingcono yokukhuthaza umanyano lwesizwe olusekelwe ekuqatshelweni kokwahlukahlukana. Asivumelani nengcamango ethi uxolelwano luxhomekeke ekubeni kwamkelwe inkqubo ebeka phambili isinizi, kuba oko kuchasene nedemokhrasi kwaye kuyakuphazamisa ukulingana nesidima sabantu.

10.

Ukuthatha inxaxheba ekwenzeni izigqibo zikarhulumente apho kufanelekileyo

Kungokunje, amaBhulu akabandakanywanga kwiziseko zothatho-nxaxheba loluntu kunye nothatho-nxaxheba ngokwenkcubeko, njengamaziko amkelekileyo abantu bomthonyama. Kufuneka kudalwe iindlela amaBhulu angaphefumla ngazo kwinqanaba likazwelonke ngemiba echaphazela uluntu lwethu nelizwe lethu.

11.

Ukuxhotyiswa ngezoqoqosho

Kubalulekile ukuba intlupheko, intswela-ngqesho, ulwaphulo-mthetho neminye imiba etshisa ibunzi yezentlalo edlakaza ilizwe isonjululwe ngokugqibeleleyo. AmaBhulu ayakunqwenela ukufaka isandla kuphuhliso lwezoqoqosho lwabo bonke abantu abahluphekayo. AmaBhulu akholelwa ekubeni kungafundwa lukhulu kwimbali yawo yamandulo neyakutshanje yokuziphuhlisa kwawo kwezoqoqosho nakwinkcubeko.

12.

Isivumelwano senkcubeko

Ngenxa yemeko yethu esenza sibe ngabambalwa umlibe, amaBhulu azibhaqa ekhutshelwe ngaphandle kwedemokhrasi, kwaye engakafikeleli kurhulumente. Asina zindlela zakuthethathethana norhulumente ngaphandle kweenkundla, amajelo eendaba kunye nokuxambulisana esidlangalaleni. Oku kukhokelela kungquzulwano kunye nokonakala kobudlelwane. Isivumelwano senkcubeko singadala indlela yothethathethwano nonxibelelwano nabasemagunyeni ngelokuyilungisa kwangethuba imiba etshisa ibunzi, ngelokulamla izivumelwano ngemiba enjalo nangelokubuyisela nokwakha ukuthembana. Isivumelwano esinjalo kungafuneka, ubuncinane, siwaqinisekise lamalungelo enkcubeko neendawo zenkcubeko esezibonelelwe kuMgaqo-siseko nakumthetho wamazwe ngamazwe.

Amabango amaBhulu kunye nokugxininisa kwethu kumalungelo neemfanelo akufanele kubonwe njengokukodwa okanye njengempatho ekhethekileyo. UMgaqo-siseko neemvumelwano zamazwe ngamazwe zinikezela ngamalungelo nangeendawo kuluntu lwenkcubeko, zeziziwabophelele lamazwe ekuzifezekiseni. Siyangqinelana noku. Oku kuquka ilungelo loluntu lwenkcubeko lokubakho; ilungelo lamaziko apho oluluntu lungahlala khona, kudluliselwe khona inkcubeko; ilungelo lophuhliso lweendawo zenkcubeko; kunye nokukhululwa ekuthobeleni imimiselo yobuhlanga enokuthi ithintele ukulandelwa kwezi njongo lunelungelo kuzo.

Ngako oku sikholelwa ekubeni sizibekile iimbono zethu ezisisiseko, kwakunye noko kufunekayo ukuqinisekisa ukuba siyahlala silakhe ilizwe lethu. Ngolo hlobo ke sikubonisele ukunyaniseka kwethu njengabemi boMzantsi Afrika.

We are here to stay!